Ndincwela ubuciko bokucengeleza
Ndichwetha ubuchwepheshe buka Cirha no Cwerha
Becela amacebo okucamagusha
ndicinge ngecala lomcinga...
Xa ndixoxa ndixanda ndixananaza
ndixel' ixhego lixhinela emnxebeni
ndinxunguphaliswa lixelegu lexhelel' eXhukwane
ndicinge ngecala lomcinga...
Abanamadanda badomboza bedandathekile,
Bebhidwe ziindudumo zaseMdantsane,
Badend' udondolo, badayivel' edameni!
Ndicinge ngecala lomcinga...
Ubucukubhede bobuciko abucacanga;
icebo lichasene nabacela ukucacelwa,
becaphula kambe kwidosha engenacwilika
ndicinge kanye ngecala lomcinga...
Kwaqalela phi ukuqwetywa kwale nqaba,
ngamaqaba neengqondi zenkqubela?
Zaziqamba njani, zaze zaqeqesha bani;
ze siqaqambe siqhwithe siqonde emqulwini?
ndicinga ngecala lomcinga...
IsiXhosa esixabisekileyo sinxunguphele
sixwebe okwamaxhwele kaxam
saxhwithwa ngamaxhalanga axhonti
Ndis'ke ndicinge ngecala lomcinga.
Nkululeko Mdudu
http://www.poemhunter.com/poem/icala-lomcinga/